
Hosted by SABC News and Current Affairs · EN

Bazakufumana isitofu sokomeleza amajoni omzimba abasebenzi bempilo ebebeyinxalenye yokulingwa kwamachiza okugonyel' iCOVID19.

Igxothiwe emsebenzini inqununu yesikolo esiseMpuma Koloni eyanyanzela umfundi ukuba angene kumngxuma wendlu yangasese ukuze akhuphe umnxeba wayo ophathwayo (CELLPHONE) nowatshona kwilindle.

Zohlukile iimbono zeengcali mayela nokuba kufanel' ukuba kumiselwe imiqathango engqingqwa kusini na kwiphondo iGauteng ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane icorona.

Sixhalabile isixeko saseTshwane ngenxa yokuntingela phezulu kwamanani abantu abosulelwa yintsholongwane icorona.

Bazakuvela enkundleni namhlanje abarhanelwa abane ngokunxulumene nokufunyanwa kwabo beneziyobisi ezixabisa i400 million yeerandi.

Umphathiswa wamashishini karhulumente uPravin Gordhan uthi kutyikitywe isivumelwano phakathi kukarhulumente nehlakani elitsha lika SAA iTakatso. UGordhan uthi kuzakutyikitywa isivumelwano sentengo ngaphambi kokuba kusekwe ngokusesikweni uSAA omtsha. ITakatso izakulawula u51 percent wezabelo kweli qumrhu lezophapho lihlengahlengisiweyo, ngelixa urhulumente ezakulawula u49 percrnt wezabelo. ITakatso izakutyal' imali engaphezulu kwe-3 billion yeerandi kwaSAA.

Iqumrhu loosomashishini iTakatso Consortiun ibhengezwe njengehlakani lenkampani yezophapho kweli iSAA.Olu qhogwano lukarhulumente nenkampani yabucala lubeka amashumi amahlanu nanye ekhulwini (51 pesent) yezabelo kule nkampani ezandleni zale ndibanisela yoosomashishini babucala.

Umphathiswa wezobulungisa neenkonzo zoluleko uRonald Lamola uthi i-United Arab Emirates ayisebenzisani noMzantsi Afrika, njengoko kwakuvunyelwene ngala mazwe mabini. U-Lamola ebethetha neentatheli ngale ntsasa, emva kokuba igunyabantu lezotshutshiso kuzwelonke licele uncedo kwi Interpol ukuze usapho lakwa Gupta lubuyiselwe kweli loMzantsi Afrika, lujongane namatyala orhwaphilizo, ubuqhophololo, nokugudis'imali eze ngondlela-mnyama.

Iziko lezifo ezosulelayo i-NICD ngamafutshane lithi sithetha nje ngabantu abayi seven-thousand-300 abanyangelwa icovid19 kwizibhedlele zeli lizwe, kwaye kuthwa izolo bayi 844 abantu abangeniswe kumaziko empilo. Abantu abasondele ku 5-thousand kwabo bafumana unyango abakwii ward zabagula kakhulu, bakwizibhedlele zabucala.

Ujaji Piet Koen ucele amagqwetha obesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma ukuba athobele imiqathango yenkundla phambi kokuphula-phulwa ngokusemthethweni kwesicelo esikhethekileyo ngomhla we-19 kuJuly.