
Hosted by SABC News · EN
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

ISebe lezemfundo eMpuma Koloni, ngokubambisana nephulo elibizwa iFLOAT consortium, bebesindleke iphulo elibizwa iMabafunde Bonke, neyinkqubo yokuxhasa abafundi bamabanga u Grade R ukuya kuGrade 3 ekubeni bakwazi ukufunda nokubhala. Lo msitho ububanjelwe eMthatha namhlanje. Le nkqubo yinxalenye yesicwangciso seSebe esingqamene nokukwazi ukufunda sonyaka ka-2022 ukuya ku-2030. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni sinomlawuli kwibakala lemfundo elibizwa iGET, neligxile kumabanga uGrade R ukuya kuGrade 9, uLinda Gwele...

Luyaqhuba unyulo kwilizwe lase Zambia nalapho ezigqatsela isikhundla kwakhona umongameli u Hakainde Hichilema, oneminyaka engamashumi amathandathu anesine ubudala. u Hichilema ubengumongameli kwelilizwe ngonyaka u 2021 ethatha iintambo ku Edgar Lungu ongasekhoyo. Namhlanje sisabona iqhuba imbambano phakathi kukamongameli nosapho lukaLungu nabaxhasi babo, nangona sele wasweleka kunyaka ophelileyo apha eMzantsi Afrika u Lungu. Urhulumente wase Zambia waya enkundleni ukuzama ukuthintela umngcwabo ka Lungu, ngelixa usapho lwakhe lwalungafuni ukuba umongameli u Hichilema azimase lomngcwabo. Kolunyulo uHichilema uzigqatsa ephikisana nemibutho ekhokhelwa ngu Brian Mundubile nowayengumbhexeshi kurhulumente ka Lungu. Ukuhlalutya isimo sonyulo lwase-Zambia, uAmanda Xhala uthethe nomhlalutyi wemiba yamazwe angaphandle, uGqirha Mkhuseli Vimba...

Umbutho ojongene nesifo somhlaza, iCancer Association of South Africa, iCANSA, ulumkisa ngelithi ilizwe lijongene nokwanda kwesifo somhlaza. Uthi uqikelela ukuba kuzakuthi kufika unyaka ka 2030 libe inani labachaphazelekayo liphindene kabini. Ngeliphawula iminyaka engamakhulu alithoba anesihlanu wasekwayo lombutho, ubusindleke usuku lemfunalwazi eKapa, uhlanganise iingcali kweli jikelele kwelicandelo lemfundo. Ukuva banzi ngalo mba, uAmanda Xhala uthethe noyi-Head of Advocacy kwaCANSA, uZodwa Sithole...

Kukho inkxalabo esuka kubantu nabavoti ngokutsalelwa iminxeba okanye babhalelwe i-email yimibutho ethile yezopolitiko, ebabuza ngeenkcukacha zabo zokubhalisela unyulo. Nangona inganyanzelisi, kodwa le mibutho iye ifune umvoti ukuba aqinisekise idilesi ayibhalisileyo kumqulu wokuvota nokuba bachaze izikhululo abazakuvotela kuzo. Uluntu luvakalise inkxalabo ngokhuseleko lweenkcukacha zalo lukwazibuza ukuba ingaba oku kuvumelekile kusini na? U-Amanda Xhala uthethe nosekela-manejala we-IEC kwiMpuma Koloni, uMasindi Mosehana, ngalo mba...

I-ofisi kanozikhalazo ojongene nezikhalazo zabathengi kweli, yandisa ii ofisi zayo ukufikelela kubathengi bakwiindawo ezisemaphandleni. Elinyathelo lizakubangela ukuba le ofisi ikwazi ukufikelela kubathengi abangaphaya kwamawaka angamashumi mabini. Umsebenzi wale ofisi kukunceda ukusombulula imbambano phakathi komthengi nomthengisi, ngelinge lokufumana isisombululo esizakusebenzela lamaqela omabini. Abathengi abakwindawo ezisemaphandleni basabonakala bedinga ukuxhotyiswa ngamalungelo abo adibene nokuthenga okanye izikhalazo abahlangana nazo xa bethenga. Yilento ke sithe makhe sikrwece le ofisi ukuncokola banzi ngelinyathelo layo nokusincedisa ngalomba. U-Ayabonga Kekana uncokole noyi Education & PR Manager kule ofisi, u-u Ouma Ramaru, ngalo mba...

Isiqinisekiso sobuninimzi, i-title deed ngolwasemzini, sibonwa nje ngendlela yokomeleza ukhuseleko lobuninimzi, ukukhuthaza utyalomali nokuphucula amathuba okufikelela kwiinkonzo kwiindawo ezisemaphandleni. Kodwa uphando olwenziwe yiAgricultural Research Council lubonisa ukuba ngumyinge we 70% woluntu lwasemaphandleni olungayiboniyo imfuno yokuba nesi siqinisekiso sobuninimzi. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni sinaye oyiAgricultural Economist kweli bhunga, uDr Siphe Zantsi...

Ibingelosuku oluqhelekileyo namhlanje kwidolophana iNgcobo eMpuma Koloni, phantsi komasipala i-Dr AB Xuma ngenxa yoqhankqalazo lwabahlali olukhokelwa ngumbutho iNgcobo Yethu Civic Organisation. Lo mbutho uvakalise ukuba olu qhankqalazo luzakuphazamisa ushishino, iinkqubo zothutho, kuvalwe neendlela eziphuma okanye ezingena kwidolophu iNgcobo. Oku kukuba befuna kumanyelwe izikhalazo zabo ezimayela nolawulo lwalo masipala, bekwatyhola nomanejala walo masipala uKhathutshelo Mulaudzi ngokophula imithetho elawula urhulumento lukamasipala. Bememelela ukuba anqunyanyiswe okanye agxothwe. Ukuva banzi ngalo mba, uAyabonga Kekana uthethe nosodolophu womasipala i-Dr AB Xuma, uSiyabulela Zangqa...

ISebe lezothutho eMpuma Koloni lilumkisa abaqhubi, kwakunye nabo balungiselela ukungena ezindleleni, ngolu suku lokugqibela lwempelaveki ende, ukuba baqaphele ezindleleni kulandela isimo sezulu esibi, nesibangele uphazamiseko lwezithuthi ezindleleni. Kwiindawo ezithile zephondo, iindlela zivalekile ngenxa yokuwa kwekhephu. Amagosa ezendlela athe bhazalala ukuqinisekisa ukuba abaqhubi balandela imithetho emiselweyo yendlela. UZizipho Cikozani uthethe nothethela iSebe lezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose, ngalo mba...

Ukuphawula nokubhiyozela iminyaka engamashumi asixhenxe yosuku lwamanina ango-1956 abalelwa ku-20 000 athi abamba umngcelele esingisisa kwi-Union Buildings ngeliqhanqazelela imithitho yamapasi, bekwanyanzelisa kurhulumente welo xesha ukuba nabo amalungelo abo njengabasetyhini athathelwe ingqalelo. Kusasazo olukhethekileyo phakathi kwe-TRU FM kunye no-Umhlobo Wenene FM, siye samema uNjingalwazi Babalwa Magoqwana-Director of the Centre for Women and Gender Studies at Nelson Mandela University, uLelona Mxesibe- Researcher, Policy Analyst and Advocacy Officer at Indlela Mental Health kunye no-Michiki Mavungo, Nelson Mandela Bay Business Chamber Representative and The Eco Laundry Founder and Director...

I-Premier Soccer Legue ivakalise inkxaso yayo kwilinge lenkampani enamagunya osasazo lwemidlalo iCANAL+, ukulwa umkhwa ovamileyo wokubiwa kosasazo lwezemidlalo equka eyebhola ekhatywayo kunye neyombhoxo, ipapashwe kumakhasi osasazo omgunyathi nakumakhasi onxibelelwano. Ngenxa yalo mkhuba kukho ilahleko eninzi yemali nenkxaso. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo, uKhanyiso Tshwaku , ngalo mba…