
Hosted by SABC News · EN
trufm News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.

Ukubanomyolelo obhaliweyo welifa yinto engabonakala ngokungathi ayibalulekanga, de kufikelele ixesha lempixano ngokubanga oko kushiywa ngumfi. Ukungabi namyolelo wokuba izinto zakho xa ubhubhile mazebiwe njani na, kungadala iintanda kusapho maxa wambi umlo wokubanga ilifa uphelele nakwii nkundla zamatyala. U-Amanda Xhala uye wancokola negqwetha lezomthetho apha eMpuma Koloni u Bongani Qina...

Urhulumente woMzantsi Afrika uthi uyaqhuba nezicwangciso zokwandisa ukuveliswa nokuphehlwa kombane kusetyenziswa i-nuclear. Okwangoku, sisesinye kuphela isikhululo esiphehla umbane nge-nuclear, yi-Koeberg eNtshona Koloni. Eli lelinye lamalinge okuqinisekisa ukuba eli lineenkalo ezahlukileyo, nezaneleyo, zokubonelela ngombane okhuselekileyo nofikeleleyo kuluntu. Nangona kunjalo, zikhona iinkxalabo U-Amanda Xhala uye wancokola nongusekela-mlawuli kwicandelo lolawulo lwe-nuclear kwiSebe lezamandla nombane, uZizamele Mbambo...

Kuza kuthunyelwa iimbewu zeRooibos emajukujukwini, kwi-International Space Station, apho kuza kuhlolwa khona ifuthe lokukhula kwesi sityalo singekho mhlabeni, into ekuthiwa yi microgravity. Eli liphulo lezenzulwazi (scientific) loMzantsi Afrika elinxulumanisa imfunalwazi kwezolimo, nokusemajukujukwini, neliphehlelelwe ngokusesikweni kule nyanga, phantsi kwenkqubo ebizwa iRooibos in Space. To hear more about this, Amanda Xhala spoke with the Spokesperson for the SA Rooibos Council, Adele du Toit...

Ikomishoni ezimeleyo yezonyulo, i-IEC ngamafuphi, imemelela abemi boMzantsi Afrika abaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise le mpelaveki ukubhalisela ukuvota. Uluntu luza kukwazi nokulungisa iidelesi zeendawo oluhlala kuzo, ngomhla wokuqala nowesibini kwinyanga yeThupha (August). Oku kubhalisa kulungiselela unyulo loomasipala oluza kubanjwa ngomhla wesine kweyeNkanga (November) kulo nyaka. U-Amanda Xhala uye wancokola nosekela-mlawuli we-IEC kwiMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...

Umbutho wophuhliso lwamafama oMzantsi Afrika, iSAFDA ngamafuphi, umemelela urhulumente ukuba apasise umgaqo okanye umthetho ovumela ukuqeshwa kwabemi bamazwe we-SADC ngexesha likaxakeka okanye ngamaxesha wokuvuna. Oku kuza nanjengoko lo mbutho ujamelene nomngeni wokungabi nabasebenzi kwiifama zeli emva kwemfuduko yabemi bamazwe angaphandle, abashiye eli bebuyela kumazwe abo, kulandela imigushuzo enxamnye nokubakho kwabantu bamazwe angaphandle abangenamaphepha okuba kweli ngokusemthethweni. Bangaphaya kwe-72 000 abemi bamazwe angaphandle abasele befuduselwe kumazwe abo okuzalwa, beshiya imisebenzi yabo kwiifama nemizimveliso yeli. Ukuncokola banzi ngoku, emnxebeni uAmanda Xhala uncokole nomlawuli oyintloko kwi South African Farmers Development Association, uSiyabonga Madlala...

Ikomishoni yamalungelo oluntu, iSAHRC, kwiMpuma Koloni, idandalazise ingxelo equlathe iziphumo zophando lwayo obelugxile kumgangatho wamanzi eli phondo, iziseko zamanzi nongcoliseko lwamanzi lilindle, phakathi kwezinye izinto. Olu phando lulandela izikhalazo eziye zafakwa luluntu ngenkxalabo yalo ngokubhekiselele ekuphalakeni kwelindle kumanzi aselwayo kwimilambo ethile, nakumanzi akwimimandla eselunxwemeni. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umkhomishinala ophuma kule komishoni, uAseza Gungubele...

Namhlanje sivukele kwiindaba zokulahla kobe yintloko yecandelo lophando oluchasene norhwaphilizo, i-IDAC, uAndrea Johnson, kwisikhundla sakhe, nto leyo iye yamkelwa ngumongameli uCyril Ramaphosa. Oku kwenzeka nanjengoko uJohnson exinwa ngemibuzo kwikomishoni ka Madlanga. Ukanti ebevelile nanamhlanje phambi kwale komishoni. Phakathi kwezinye izinto ezithe zavela susela oko athe waqalisa ukunikezela ngobungqina bakhe phambi kwale komishoni, zezokuba walahlekisa ikomiti yethutyana yasepalamente nebiphanda izityholo zongenelelo lopolitiko norhwaphilizo kwinkqubo yezobulungisa yeli lizwe. Ukuhlalutya banzi ngokulahla kwakhe, emnxebeni uAmanda Xhala wamkela umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Xolisile Ngumbela...

Inkundla ephakamileyo eNtshona Koloni igwebe ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa, ekubeni athintele ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente echophele ukuphula-phula ubungqina ngebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Le ngxelo yafumanisa ukuba ukho umsi oqhumayo wobungqina obungathwalisa umongameli uxanduva ngeli bholo, nelinokuphembelela ekubeni asuswe kwisikhundla sakhe. URamaphosa uye wafaka esi sicelo enkundleni, ngelithi le komiti mayingaqhubi nomsebenzi wayo, de kuphulaphulwe isicelo sakhe sokucel'umngeni kule ngxelo ye-Section 89 Panel, kwinyanga ka-September walo nyaka. U-Ayabonga Kekana uncokole nengcali yezomthetho, uAdvocate Jazz Vilakazi...

Iyaqala imidlalo yeWomen's Africa Cup of Nations, iWAFCON ngamafuphi, ngeCawa eMorocco. Ngamaqela alishumi elinesithandathu azakuthi akhuphisane ukuthathela kuwo itayitile yelizwekazi, nokuzilungiselela indawo kumdlalo wendebe yehlabathi yeFIFA yamanina, eBrazil ngo2027. Kusenjalo, lusuku lwesibini namhlanje lemidlalo yeCommonwealth eGlasgow, eScotland. Ukuba sincokole ngale midlalo, uAmanda Xhala ubambe intatheli yeli jelo yezemidlalo, uSanele Nongauza...

Amanye amaqela aphikisayo ePalamente avakalise ukudana sisigqibo senkundla yaseNtshona Koloni, sokugweba ngakwicala likamongameli uCyril Ramaphosa ekuthinteleni ukuqhuba komsebenzi wekomiti yasePalamente, echophele ukuphula-phula ubungqina bebholo lokubiwa kwemali kwifama yakhe iPhala-Phala ngo-2020, ngokuphenjelelwa yingxelo yegqiza leengcali zomthetho iSection 89 Panel. Ingxelo kaZalene Marrington siyilungiselelwe nguVuyolwethu Mabeqa...